Isaiah 40:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akwazanga na? akuvanga na? utixo ongunapakade nguyehova, umdali wamancam omhlaba; akacubuki yena, akadinwa nokudinwa; ukuqonda kwake akunakupengululwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, tyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beningazi na? Ngaba akuvanga na ukuba uThixo ongunaphakade, uYehova, uMdali weziphelo zomhlaba, akaphelelwa lithemba okanye aphelelwe lithemba? akukho ukuhlolwa kwengqondo kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ngaba awazi na? Ngaba zange uve na? UNdikhoyo nguThixo onguSonini-nanini; yena ngumdali wehlabathi jikelele. Yena soze adinwe atyhafe, nengqiqo yakhe ayiphengululeki.