Isaiah 40:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
inca iyoma, imbali iyabuna, ngokuba umoya kayehova uvutela pezu kwayo; ngenyaniso abantu bayinca.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kuyo; inene, abantu babutyani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kubo; ngokwenene, banjani abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ingca iyabuna, ivuthuluke intyatyambo yakubethwa ngumoya kaNdikhoyo. Ngenene uluntu nqwa nengca.