Isaiah 41:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amahlwempu nabasweleyo bayafuna amanzi, kanti akako; ulwimi lwabo lutshile linxanwa; mna Yehova ndobapendula; mna Tixo wo‐Sirayeli andiyi kubashiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa amahlwempu namahlwempu ekhangele amanzi, aze angabikho, nolwimi lwawo lome lunxano, mna, iNkosi, ndiya kubaphendula, kwaye mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubuya umva kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Abahlelelekileyo bam bofuna amanzi bancame; sebekhothekile bona lunxano. Ke mna Ndikhoyo ndosisabela isikhalo sabo – mna Thixo kaSirayeli soze ndibalahle.