Isaiah 41:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze babone, bazi, bagqale, baqonde kwa kunye, ukuba isandla sikayehova sikwenzile oku, nokuba oyingcwele ka‐Sirayeli ukudalile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze babone, bazi, bagqale ngentliziyo, baqiqe kunye, ukuba isandla sikaYehova sikwenzile oko, oyiNgcwele kaSirayeli ukudalile oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze babone, bazi, babone, baqonde ukuba isandla sikaYehova sikwenzile oko, nokuba Lowo Ungcwele kaSirayeli nguye owenze loo nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Boyibona abantu le nto baqonde, baqaphele bazi, bathi nguNdikhoyo lo uyenzileyo. Ewe ngenene, botsho baqonde ukuba oku kudalwe nguYedwa kaSirayeli.”