Isaiah 41:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Tyelani izinto eziya kuza emva kwoku, size sikwazi ukuba ningotixo; ewe, yenzani okulungileyo, umhlaumbi yenzani okukohlakeleyo, size sibe nevuso, sibonele kwa kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xelani izinto ezizayo ngasemva, ukuze sazi ukuba ningoothixo; ewe, yenzani okulungileyo, nokuba kokubi, sikhwankqiswe, sibonisane ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xelani izinto ezizayo, ukuze sazi ukuba ningoothixo: Ewe, yenzani okulungileyo okanye nenze okubi, ukuze soyike size sibone kunye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khanisixelele ngekamva kaloku; khona nathi sotsho sithi ningoothixo. Yenzani noba yentle okanye ebuhlungu; nathi sitsho sirhwaqele, soyike.