Isaiah 41:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngubanina owakuxelayo kwa sekuqaleni, ukuba sikwazi? nasexesheni lapambili, ukuba siti: Kuyinene? Akuko namnye okawakuxela; akuko namnye okawakuvakalisa; akuko namnye okaweva amazwi enu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngubani na owakuxelayo oko kwasekuqaleni? makavele sazi;owakuxelayo ngenxa engaphambili makavele, sithi, Ulungisile.Hayi, akukho waxelayo; hayi, akukho wavakalisayo; hayi, akukho wazivayo iintetho zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngubani na owakuxelayo oko kwasekuqaleni? kwaye kuqala, masithi: Ngaba ulungile? Ewe, akukho bani unaziyo, ewe, akukho bani ukuxelelayo, ewe, akukho bani uwavayo amazwi akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ngubani oyazise kwantlandlolo kuni, owasilumkisayo ukuze siningqinele? Akukho namnye wakha wayixela, engekho nowakha wayithi thupha.