Isaiah 42:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KANGELA isicaka sam, endisixasayo; umqashwa wam, o ti umpefumlo wam ukoliswe nguye; ndibekile umoya wam pezu kwake; isigwebo uya kusipumisela kubaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam; ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kugweba phakathi kweentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uThixo uthethe wathi: “Nasi isicaka sam endisixhasayo. Yena ngumnyulwa wam ondikholisayo; ndimthe jize ngoMoya wam, izizwe zonk' uziphakel' ubulungisa.