Isaiah 42:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova uya kupuma njengeṙoti; njengendoda yokulwa uya kuvusa ubukwele; uya kudanduluka, ewe, wohlaba umkosi; uya kwenza ngobuṙoti ngakuzo intshaba zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengendoda yokulwa; uya kuduma, ewe, uya kunkqangaza; uya kuba ligorha ezintshabeni zakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengegorha; Uya kubiza, ewe, agqume; uya kuzoyisa iintshaba zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo yena ufunza njengegorha; yena selequle wada waligangatha. Nankw' esitsho ngentlaba-mkhosi, nto leyo idiza ukutshatshela kwakhe.