Isaiah 42:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kuhambisa imfama ngomendo ezingawazanga; ngendlela ezingazazanga ndozikokela: ndiya kubenza ubumnyama bube kukukanya pambi kwazo, namalinda abe litafa: ezizinto ndiya kuzenzela zona, ndandingayi kuzishiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo; ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo, iindawo ezimagqagala zibe zithabazi.Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizihambise ngendlela ezingayaziyo; Ndiya kubakhapha ngeendlela abangazaziyo; ndiya kubenza bube khaphukhaphu ubumnyama phambi kwabo, ndizenze zithi tye izinto ezigoso. Ezo zinto ndiya kuzenza kubo, ndingazishiyi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iimfama ndozihambisa ngeendlela ezingazaziyo; ewe, ndozikhokela ngomendo ongaqhelekanga. Kubo ubumnyama ndobujika bube kukukhanya; iingxondorha zojika zibe ngamathafa. Ezo zinto ndiya kuzenza; futhi ke soze ndizityeshele konke.