Isaiah 42:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa aba bangabantu abapangiweyo nabatinjiweyo; batiyelwe ezihogweni bona bonke, nasezindlwini zokuvalela bafihliwe; bayinto yokupangwa, kanti akuko ohlangulayo; ba yinto yokutinjwa, kanti akuko otshoyo: Buyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke olu luhlanga oluphangiweyo, oluphangiweyo; bonke babanjiwe emhadini, bafihlwe ezintolongweni; Ndilixhoba, akukho msindisi; Akwabakho uthi, Musa ukubuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke aba bantu zizisulu zokuxhatshazwa; sebatshixelwa kwamnyama-ndawo, bade baya kufihlwa ezintolongweni. Ziindwayi ezingamaxhob' ukuxhatshazwa; ziintw' ezingenabani wakuzihlangula. Akakho othi: “Godukani ngoku.”