Isaiah 43:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kaloku, utsho uyehova owakwenzayo, Yakobi! nalowo owakudalayo, Sirayeli! ukuti: Ungoyiki, ngokuba ndikukulule; ndikubizile ngegama; wena ungowam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku ke utsho uYehova, uMdali wakho, Yakobi, uMbumbi wakho, Sirayeli, ukuthi, Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ngoku, itsho njalo iNkosi, uMdali wakho, Owu Yakobi, noMdali wakho, Owu Sirayeli: Musa ukoyika, kuba ndikukhulule, ndikubizile ngegama lakho; ungowam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke *uNdikhoyo, umdali wakho, Yakobi, nombumbi wakho, Sirayeli, uthi: “Uze ungaxhali wena, ndikuhlawulele; ndikubize ngegama, ungowam ncakasana.