Isaiah 43:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova, umkululi wenu, oyingcwele ka‐Sirayeli, ukuti: Ngenxa yenu nditumile e‐Babilone, ndawisa zonke izibonda zayo, nama‐Kaledine ezinqanaweni zokugcoba kwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kutsho uYehova, umkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi; Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ndaza ndazithoba zonke iingangamsha zabo, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uMkhululi wenu, yena uYedwa kaSirayeli, uthi: “Ngenxa yenu ndothumela eBhabheli, atsho amaKaledi asabe ngezo nqanawa zawo zeqhayiya.