Isaiah 43:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa udlulayo pakati kwamanzi, ndoba nawe mna; napakati kwemilambo, ayiyi kukukukulisa: nxa uhambayo emlilweni, akuyi kuṙauka; kanjako ilangatye aliyi kukutshisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa uthi uwele emanzini, ndoba nawe: nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyi kurhawuka, nelangatye lingakutshisi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba uthe wacanda emanzini, ndoba nawe; nasemilanjeni, ayisayi kukukhukulisa; ukuba uthe waphuma emlilweni, akuyi kurhawuka; nedangatye aliyi kukutshisa wena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Noba sewucand' emanzini, mna ndiya kuba nawe; noba sowuwela imilambo, ayisoze ibe nako ukukukhukulisa; nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke; amadangatye akanakukutshisa wena.