Isaiah 43:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Izilo zasendle zondibeka, incu̔ka nenciniba; ngokuba ndiya kunika amanzi entlango, n emilambo ebugxwayibeni, kusezwe abantu bam, abaqashwa bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izilo zasendle ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba;ngokuba ndenza amanzi entlango, nemilambo enkangala, ukuze ndiseze abantu bam, abanyulwa bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izilo zelizwe ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba, ngenxa yokuba ndenza amanzi entlango nemilambo entlango ukuze basele abantu bam, abanyuliweyo bam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Neenyamakazi ngokwazo zondihlonela, oodyakalashe neenciniba zindincome, xa sendimpompozis' amanz' entlango, kubalek' imilambo enkangala, khon' ukuze lusel' usapho lwam, nditsho usapho olukhethiweyo,