Isaiah 43:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wako, oyingcwele ka‐Sirayeli, umsindisi wako; ndinikile i‐Jipete ibe sisizi sako, i‐Tiyopiya ne‐Seba esikundleni sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba mna, Yehova, ndinguThixo wakho, mna, Ngcwele kaSirayeli, ndingumsindisi wakho; ndirhole iYiputa yakucamagushela, iKushi neSebha zaba sesikhundleni sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndinguYehova uThixo wakho, Lowo Ungcwele kaSirayeli, uMsindisi wakho, ndinikele ngeYiputa ukuba ibe yintlawulelo yakho, iTiyopiya neShebha ngenxa yakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho, uYedwa kaSirayeli, uMhlanguli wakho. Ndinikezela ngeJiputa ukukuhlawulela; iKushe neSebha zothath' indawo yakho.