Isaiah 43:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zonke izizwe mazibutelwe ndawonye; mazihlanganiswe intlanga. Ngubanina pakati kwazo ongaxelayo oku, umhlaumbi ongasivisayo izinto zapambili? mabaku̔pe amanqi̔na abo, ukuba bagwetyelwe; kuze kuviwe, kutiwe: Kuyinyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nonke zintlanga, buthelanani ndawonye, zihlangane izizwe.Ngubani na kuni onokukuxela oko? Mabasivise izinto zangaphambili, mabamise amangqina abo, bagwetyelwe; mabeve ke abantu, bathi, Yinyaniso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
mazihlanganisane zonke iintlanga, zihlangane iintlanga; Nguwuphi na ke kubo onokuzixela ezi zinto, asibonise owokuqala? mabaze namangqina abo, bagwetyelwe; okanye uve besithi, Yinyaniso le.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zibizeni zonke izizwe; mazihlanganisane iintlanga. *Koothixo bazo nguwuphi owayixelayo le nto yenzekayo namhlanje, wasazisa nangezinto ezenzeke mandulo? Ewe, mazize nawazo amangqina, khon' ukuze abevayo bathi: “Axel' inyaniso.”