Isaiah 44:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, onke amakolwane ake aya kudana; nabasebenzi bona bavela ebantwini: mabazihlanganise bonke: mabeme: baya kwoyika badane kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, onke amadlelane akhe adanile, abasebenzi bangabantu; mabaqokelelene ndawonye, beme; ukanti baya kunkwantya, badane kunye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wonke umntu owenza loo nto uhlazekile. Andithi na kaloku le mifanekiso iqingqwa ngabantu? Mabeze enkundleni kaloku, uya kubona bosuka barhwaqele – abakho lihlazo.