Isaiah 44:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nesisalela sawo uyasenza sibe ngutixo, umfanekiso oqingqiweyo wake; uyaqubuda pambi kwawo, atobe kuwo; uyatandaza kuwo kanjalo, ati: Ndikulule, ngokuba ungutixo wam wena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndihlangule; ngokuba, unguthixo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okuseleyo kuwo wenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo; uqubuda kuyo, aqubude kuyo, athandaze kuyo, athi, Ndihlangule; ngokuba unguThixo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke oseleyo umthi uza kweza umfanekiso ngawo, ajike akhahlele kuwo. Uzibika kuwo athi: “Nceda undihlangule, thixo wam!”