Isaiah 44:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko namnye okumbulayo entliziyweni yake, akuko ukwazi nokuqonda kanjako, ukuba kutiwe: Inxenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndandosile isonka pezu kwamalahle awo; ndojile inyama, ndayidla nokuyidla: kanene iliva lawo ndiya kulenza into eyintshontsho na? ndiya kuqubuda na pambi kwesipunzi somti?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
banganyamekeli ngeentliziyo zabo, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
kungabikho bani ugqibe entliziyweni yakhe, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba kuthi, Inxalenye yawo ndiyitshisile ngomlilo; ewe, ndabhaka isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndingawela esiqwini somthi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu oqingqa umfanekiso aze awunqule uncitheke kangangokuba angabi nabuganga bakuthi: “Ikwangulo mthi lo ndiwubasayo ndipheke ngawo, ndize ngokunjalo ndose inyama ndiyitye. Ndingathini ukwenza kwangawo intw' enezothe, ndize ndikhahlele isikhuni somthi?”