Isaiah 44:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova, umkululi wako, lowo owakudalayo kwa sesizalweni, ukuti: Mna ndi nguyehova, umenzi wento zonke; ondolulayo amazulu ndedwa, ondatwabulula umhlaba ngokwam;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova, uMkhululi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, ukuthi, Mna Yehova ndinguMenzi weento zonke;uManeki wezulu ndedwa; uMtwabululi wehlabathi ndingenabani;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova, uMkhululi wakho, uMdaluli wakho, uMenzi wakho kwasesizalweni sikanyoko, ukuthi, Mna Yehova ndinguMenzi wezinto zonke; owaneka isibhakabhaka yedwa; nto leyo iyodwa eyandisa ihlabathi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMkhululi wakho uNdikhoyo uyathetha; yena owakubumbayo kwasesizalweni uthi: “NdinguNdikhoyo uMenzi weento zonke; ndim owawatwabululayo amazulu, ikwandim owawolulayo umhlaba; ewe, zange ndincedwe bani.