Isaiah 44:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
oqinisayo ilizwi lesicaka sake, necebo lezitunywa zake alifeze; oti ngayo i‐Yerusaleme: Iya kumiwa; nangazo izixeko zase‐Juda: Ziya kwakiwa; indawo zayo ezicitakeleyo ndobuya ndizimise:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uMmisi welizwi lomkhonzi wakhe; uMzalisi wecebo labathunywa bakhe; uNdithi kwiYerusalem, Iya kumiwa; nakwimizi yakwaYuda, Iya kwakhiwa, ndiwamise amanxuwa ayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMmisi welizwi lomkhonzi wakhe, uMzalisi wecebo labathunywa bakhe; abathi kwiYerusalem, Iya kubuya yakhiwe; nakwimizi yakwaYuda: Iya kukhiwa, ndiwamise amanxuwa ayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiyaluphumelelisa udaba lwezicaka zam, ndizifezekise izihlabo zabathunywa bam. IJerusalem ndithi isaza kumiwa, iidolophu zakwaJuda zibuye zakhiwe, kuvuke izixeko kuloo mabhodlo.