Isaiah 44:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abadalayo umfanekiso oqingqiweyo, bona bonke bakokungendawo; nezinto zabo ezinqwenelekileyo azincedi luto: kwa bona bangamanqi̔na abo; ababoni, abazi kanjako; ukuze badane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku, neento zabo ezinqwenelekayo azincedi nto; bona bangamangqina azo; ababoni, abazi, ukuze badane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku; nezinto zabo ezinqwenelekayo aziyi kuphumelela; kwaye bona bangamangqina abo; ababoni, abazi; ukuze beme badane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akanto yanto umntu oqingqa *umfanekiso; naloo mfanekiso azidla ngawo yimfeketho. Abo bayithelelayo ziimfama; abaliqondi ihlazo labo.