Isaiah 45:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho ukuti uyehova kumtanjiswa wake, ku‐Koreshe, endimbambayo ngesandla sake sokunene, ukuba kwoyiswe izizwe pambi kwake; nezinqe zokumkani ndozitukululela; ukuba kuvulwe pambi kwake ingcango zokuhlangana; namasango akayi kuvalwa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulule amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sakhe sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndiwakhulule amanqe ookumkani, ukuba ndivule iingcango ezimbini phambi kwakhe; neengcango mazingavalwa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenjenje *uNdikhoyo ukuthetha nomthanjiswa wakhe uKoreshi, amthe jize ngegunya namandla oloyiso jikelele, khon' ukuze avuthulule ookumkani, avulelwe zonke iingcango, angathintelwa ngamasango esixeko: