Isaiah 45:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Sirayeli aya kusindiswa nguyehova ngosindiswa olungunapakade; aniyi kudana, aniyi kuviswa ihlazo kanjalo, kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USirayeli uya kusindiswa nguYehova ngosindiso olungunaphakade; aniyi kudaniswa, aniyi kuhlazeka, kude kuse emaphakadeni asephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uSirayeli uya kusindiswa nguYehova ngosindiso olungunaphakade;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uSirayeli wahlangulwa nguNdikhoyo; olwakhe usindiso lohlala luhleli; yena akasoze ahlazeke aphoxeke nanini nanini.