Isaiah 45:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho ukuti uyehova, umdali wamazulu; yena u ngutixo, imbange yomhlaba, nomenzi wawo; nguye owawumisayo; akafumana wawenza; wawudala ukuba umiwe: Mna ndi nguyehova, akuko wumbi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo (akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe), ukuthi, NdinguYehova, akukho wumbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uYehova walenza le izulu izulu, ukuthi, Yena uThixo wenza, wenza ihlabathi; Ukuzinzisile ke, akukudalelwanga ukuba kube khona, ukwenze ukuba ube nabemi ndinguYehova; kwaye akukho mntu wumbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo nguye umdali wamazulu; ngenene nguye oyena-yena Thixo. Ihlabathi eli labunjwa nguye; walenza waza walizinzisa. Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo; walenzela ukuze limiwe luluntu. Yena ke uthi: “Ndim uNdikhoyo; akukho Thixo wumbi.