Isaiah 45:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xelani, ni ba sondeze; ewe, mabacebisane: ngubanina okushumayeleyo oku kwa ngapambili? ngubanina okuxeleyo kwa kudala? Bendingendim na, uyehova? akuko utixo wumbi ngapandle kwam; utixo olungileyo, ongumsindisi; akuko ongapandle kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xelani, nifikise; ewe, mabacebisane kunye, ukuthi, Ngubani na owavisa oko kwabamandulo, owakuxelayo kwanini? Asindim na Yehova, ekungekho Thixo wumbi ingendim? UThixo onobulungisa, osindisayo, akakho ingendim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yitsho, usondele kubo; ewe, mabathethe bodwa, bathi, Ngubani na owathetha ezi zinto kwakudala? yathethwa ngubani ukusukela ngoko? Andinguye na uYehova? akukho wumbi ngaphandle kwam; uThixo onobulungisa, onguMsindisi; akukho mntu ngaphandle kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yizani kuxoxa enkundleni; mabathetha-thethane abamangalelwa. Ngubani owayixela kwamandulo le nto? Ngubani owayivakalisa ingekenzeki? Asindim na Ndikhoyo? NdinguThixo osindisayo, olilungisa; ngaphandle kwam akukho Thixo.