Isaiah 45:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndizifungile mna; kupumile ilizwi emlonyeni wam ngobulungisa, alisayi kubuya: lokuba oguqa kum onke amadolo, zifunge kum zonke ilwimi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, alibuyanga lathi, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene ndiyafunga, yaye esam isifungo sinyanisekile; ewe, sona soze siguquke: Zonk' iintlanga zokhahlela kum, zifunge ukuba zondithobela.