Isaiah 45:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso kuyehova, kwotshiwo, ndinobulungisa namandla; kwa kuye kuya kuziwa; babeya kudaniswa bonke abaqumbela yena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuthiwe ngokubhekisele kum, KuYehova yedwa bubulungisa namandla, kuyiwa kuye; baya kudana bonke abavutha ngomsindo ngaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Okunene uya kuthi, KuYehova ndinobulungisa namandla; baya kuza kuye abantu; baya kudana bonke abamqumbelayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zovuma zithi: ‘KukuNdikhoyo kuphela ukuzuzwa kosindiso namandla.’ ” Ke bona abamthiyileyo bohlazeka.