Isaiah 45:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze kwaziwe kwa sekupumeni kwelanga, nasekutshoneni kwalo, ukuba akuko ongapandle kwam: mna ndi nguyehova, akuko wumbi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndakubhinqa ungandazi, ukuze bazi, bethabathela ekuphumeni kwelanga bese nasekutshoneni kwalo, ukuba akukho namnye ingendim; ndinguYehova, akukho wumbi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuze bazi, bethabathela empumalanga nasentshonalanga, ukuba akukho wumbi; NdinguYehova, akakho omnye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ndoyenza ukuze baqonde bonke, bazi emhlabeni wonke jikelele, baqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo, bazi ukuba akukho Thixo wumbi.