Isaiah 45:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba nzima kulowo opika nomdali wake! Icepe malipike namacepe omhlaba. Udongwe luya kuti na kolubumbayo: Wenza nto nina? umhlaumbi umsebenzi wako: Akanazandla?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha ke, obambana noMenzi wakhe! Ligophe emagopheni ezitya zomdongwe! Udongwe lunokuthi na kumbumbi walo, Wenza ntoni na?nomsebenzi wakho unokuthi na, Akunazandla?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha, oxabana noMenzi wakhe! Abaninzi baye baxabana nabaninzi behlabathi. Lunokuthi na udongwe kumenzi walo, Wenza ntoni na? Awunazandla na umsebenzi wakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mawoo kulowo uphikisana noMenzi wakhe! Imbiza nje yomdongwe ingathini ukusuka iphikisane nombumbi wayo? Ungathini umdongwe ukuthi kumbumbi: “Wenza ntoni kodwa?” Ingakhalaza na imbiza ithi: “Uliqhithala, mbumbindini”?