Isaiah 46:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ziyatoba pantsi, ziyaguqa kunye; akohliwe ukukulula umsindwa; ewe, aya ekutinjweni kwa wona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izithixo zabhanyalaza, zaguqa kunye, azaba nakuzisiza ekuthwaleni, ke inkqu yazo yaya ekuthinjweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baguqa, baqubuda kunye; ababanga nako ukuwuzisa umthwalo, kodwa bona ngokwabo bathinjwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nâzo izilwanyana zisiwa zivuka. Akukho kusinda kuzo; zithinjwa kunye nomthwalo wazo.