Isaiah 46:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa kude kube sebudaleni ndoba kwa nguye; nakude kube sezimvini ndo ni twala: ndenzile, ndandiya kufunqula; ewe, ndotwala, ndi ni kulule.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kude kuse ebudaleni ikwandim, kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna. Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna, ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kude kube lixesha lenu ndinguye; kude kuse ezimvini, ndiya kunithwala; ndenze, ndiya kubeka; ndonithwala, ndinisindise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Noda niguge nibe ziingwevu mna ndisengulowo unixhasayo. Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha; ewe, ndonigcina ndinihlangule.