Isaiah 46:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kumbulani izinto zangapambili, ezakudala; ngokuba ndinguye utixo, akuko wumbi; ndi ngutixo, akuko onjengam:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khumbulani izinto zangaphambili, zasephakadeni, okokuba ndinguThixo, akukho wumbi; ndinguThixo, akukho namnye unjengam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khumbulani izinto zokuqala zamandulo, kuba ndinguThixo, akakho omnye; ndinguThixo, akukho unjengam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khanikhumbule iziganeko zamandulo, nivume ukuba mna ndinguThixo; ewe, akukho thixo ufana nam.