Isaiah 47:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ububi boza pezu kwako; akuyi kukwazi ukusa emva kwabo: ilishwa liya kuwa pezu kwako, oya kukohlwa kukulisonga ngesizi; ewe, utshabalalo lwoza pezu kwako ngokuzuma, o ngayi kulwazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bokuzela ke ububi, ungakwazi ukubunyanga; ikuwele inkohlakalo, ungabi nako ukuyicamagushela; ikuzele ngesiquphe intshabalala ongayaziyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko, ububi buya kunifikela; akuyi kulazi apho liphuma khona, wofikelwa bububi; aniyi kukwazi ulibazisa, kuwe ngequbuliso isiphanziso ongayi kukwazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku wena uzelwa sisithwakumbe, ibe nemilingo yakho ayinakuma ngaphambili. Uza kuqutyulwa sisibetho ongenakusingxengxezela, ufikelwe sisihelegu ongazange wasicinga.