Isaiah 47:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hlala ke usekunyangeni kwako, nasebuninzini bobugqi bako, osebenzileyo ngabo kwa sebutsheni bako; ngati ungaba nokuncedwa, ngati ungomelezwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawumise ngomabophe bakho, nangokukhafula kwakho okuninzi, ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho; mhlawumbi ungaba nokunceda, mhlawumbi ungaba nokweyisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khawuyeke nokukhafula kwakho okukhulu, nokukhafula kwakho okuninzi, ozibophe ngako kwasebuncinaneni bakho; ukuba kunjalo, uya kuba nako ukwenza inzuzo, ukuba kunjalo, uya kuba nako ukuphumelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bambelela kuloo makhubalo nezo ziphondo, njengoko kaloku walunyulelwa kuzo! Hleze kuthi kanti zisenokunceda; mhlawumbi ngazo ungazigrogrisa iintshaba.