Isaiah 47:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hlala uti tu, uye ebumnyameni, ntombi yama‐Kaledine! ngokuba ungayi kubuya ubizwe ngokuba yinkosikazi yezikumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hlala uthi cwaka, ungeneemnyameni, ntombi ingamaKaledi;ngokuba akuyi kuba sabizwa ngokuba uyinkosikazi yezikumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zithulele, ngena ebumnyameni, ntombi yamaGalati; ngokuba akuyi kuba sabizwa ngokuba ungumfazi wezikumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo uthi: “Yithi cwaka, ntombindini Bhabheli, uhlale ebumnyameni. Kaloku wena ngoku akusayi kuthiwa uyikumkanikazi yezizwe.