Isaiah 47:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bendiqumbile ngasebantwini bam, ndanco̔lisa ilifa lam, ndabanikela esandleni sako: akwabenzela izibele; pezu kwabadala wabeka iyokwe yako ngento enzima kakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndaba noburhalarhume kubantu bam, ndalingcolisa ilifa lam, ndabanikela ezandleni zakho; akwaba namfesane kubo; naphezu kwamadoda amakhulu wayenza yanzima kakhulu idyokhwe yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaba noburhalarhume kubantu bam, ndalenza inqambi ilifa lam, ndalinikela ezandleni zakho; wawubeke idyokhwe enzima kakhulu kwangemihla yakudala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Besendinomsindo ngakubantu bam; ndide ndalishwabulela ilifa labo; suka ndabayekela esandleni sakho. Ke wena awubanga nanceba konke, neengwevu usuke wagadalala nakuzo.