Isaiah 47:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, yiva oku, wena ulahlelwe ebuyolweni, ohleli ngokunqaba! lowo oti entliziyweni yake: Ndim, akuko ongapandle kwam; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukuhlutwa kwabantwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku ke yiva oku, wena mxhamli weziyolo, uhleliyo ukholosile, wena uthi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukungabi nabantwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke yivani, nina bathanda iziyolo, niqhayisayo, nina nithi entliziyweni yenu, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuba ngumhlolokazi, andiyi kukwazi ukulahlekelwa ngabantwana;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Phulaphula ke, wena mthandi weziyolo; nditsho wena uzicingela ukuba ukhuselekile, nditsho wena uzilinganisa noThixo, wena othi nguwe okhoyo, akukho wumbi. Ubusithi wena soze ube mhlolokazi; soze ulahlekelwe bantwana.