Isaiah 48:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo inzalo yako ibiya kuba njengentlabati, nemveliso yombilini wako njengeyombilini walo; Ibingayi kunqanyulwa; negama layo belingayi kutshatyalaliswa ebusweni bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ibiya kuba njengentlabathi imbewu yakho, abaphuma ezibilinini zakho babe njengamasuntsu ayo belingayi kunqunyulwa litshabalale igama labo ebusweni bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yayinjengentlabathi imbewu yakho, nabantwana ezibilinini zakho babe njengohlalutye lwakho; aliyi kunqunyulwa litshabalale igama lakhe phambi kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngeba ke namhlanje inzala yakho yinyambalala engenakubalwa, lingaze linqanyulwe igama lakho, kananjalo lingaze litshabalale.”