Isaiah 48:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abanxanwanga ezindaweni ezomileyo wabahambisa ngazo; amanzi evela eweni wawelisela bona; ewe, walicanda iliwa, aza amanzi ampompoza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abanxanwanga, ebahambisa engqaqasini; wabatsitsisela amanzi eweni, wacanda iliwa, atsaza amanzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abanxanwanga oko ebahambisa entlango; Wabakhuphela amanzi engxondorheni; Waphinda walicanda iliwa, kwaphuma amanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokuya wayebakhokela kwinkqantosi ebharhileyo abantu bakhe zange bafe lunxano; wabakhuphela amanzi eliweni, suka waliqhekeza, aza ampompoz' amanzi!