Isaiah 48:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, akuvanga; ewe, akwazanga; ewe, kudala indlebe yako yaingavulwanga; ngokuba bendisazi ukuba uya kwenza ngenkohliso kakulu, nokuba wabubizwa ngokuba ngumgqiti kwa sesizalweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubungaziva; ubungazazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanini. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, aneva; ewe, ubungazi; ibingavulekanga indlebe yakho kususela koko; kuba ndandisazi ukuba uya kwenza ngobuqhophololo uze kuthiwe ungumkreqi kwasesibelekweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zange uve uqonde nakuqonda, kuba ubungenako kakade. Bendikwazi ukuba wena awuthembekanga; ndiyakwazi ukuba ungumvukeli owaziwayo.