Isaiah 49:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abayi kulamba, abayi kunxanwa kanjalo; aluyi kubabeta ulwopu nelanga; ngokuba lowo onezibele ngakubo eya kubakokela, abakapele ngasemitonjeni yamanzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayikubethwa sisanga nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abayi kulamba, abayi kunxanwa; ubushushu nelanga aziyi kubabetha; ngokuba Lowo unenceba kubo uya kubakhokelela, abakhokelele emithonjeni yamanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abayi kubuya balambe banxanwe; ilanga lentlango aliyi kubenzakalisa. Baya kwaluswa ngulowo unovelwano, abakhokelele kwimithombo empompozayo.