Isaiah 49:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Culani, mazulu! ugcobe, mhlaba! gqabukelani ekuculeni, zintaba! ngokuba uyehova etutuzela abantu bake, enezibele pezu kwababandezelwa bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Memelelani, nina mazulu; kwaye ugcobe, hlabathi! memelelani ngovuyo, zintaba; ngenxa yokuba uYehova wabathuthuzela abantu bakhe waza waba nenceba kwabo basweleyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Memelelani ngovuyo, nina mazulu; yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba; hlokomani nivume, nina zintaba! Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe; uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.