Isaiah 49:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba indawo zako ezicitakeleyo, nendawo zako ezitshabaleleyo, nelizwe lako elicitiweyo, okunene ngoku liya kuba lixinene kwabemi; nabo ababekuginya boba kude.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo-inene, ngoku uya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba amanxuwa akho, namanxuwa akho, nelizwe lakho elinxuwa, licuthene kakhulu, ngenxa yabemi balo, babe kude abakudlayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngenene ilizwe lakho labhukuqwa lada labharha, kodwa ngoku loba lincinane kunabo, lingabalingani abo babuyela kulo; abo balibhukuqayo boba sebekude.