Isaiah 49:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kuti entliziyweni yako: Ngubanina ondizalele aba? ngokuba bendingohlutiweyo abantwana noligantuntu; bendingumtinjwa nogxotiweyo: ngubanina ke obakulisileyo aba? bona ke, bendishiyiwe ndedwa; aba, bebepina bona?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uya kuthi entliziyweni yakho, Ngubani na lo undizalele aba? Mna bendihluthiwe abantwana nje, ndaba ludlolo, ndafuduswa, ndagxothwa; ke aba bakhuliswe ngubani na? Uyabona, mna bendisele ndedwa; aba babephi na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wothi ke entliziyweni yakho, Ngubani na lo undizalele lo? kwaye ngubani ovelise oku? Yabona, ndindedwa; khangela, babephi na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kwandula ke uthi: ‘Ndibathathe phi abantwana abangaka? Ndandingaphathi, ndiludlolo; kaloku ndathinjwa ndagxothwa. Kambe ke bakhuliswe ngubani aba? Mna ndasala ndiyimpula kalujaca, ngaba luphuma phi na usapho olungaka?’ ”