Isaiah 49:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okumkani boba ngabondli bako, nenkosikazi zabo zoba ngabanyisikazi bako; benobuso ngasemhlabeni baya kutoba pantsi kuwe, notuli lwenyawo zako bolukota; wauya kwazi ukuba ndi nguyehova; ngokuba bengayi kudana abo bandilindayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ookumkani baya kuba ngabondli bakho, namakhosikazi abo abe ngabanyisi bakho. Baya kuqubuda kuwe, bese ubuso emhlabeni, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ke ukuba ndinguYehova, obathembi bakhe bangayi kudana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ookumkani baya kuba ngooyihlo ababakhulisayo, nabafazi babo babe ngodade babakhulisi bakho; baya kuqubuda ngobuso, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ukuba ndinguYehova, ngenxa yokuba abo bakholose ngam abayi kudana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ookumkani boba ngabondli bakho, ookumkanikazi babe ziineni zakho; bothi vovololo, benik' imbeko kuwe, borhuqa phantsi ngentlonipho, utsh' uqond' ukuba ndinguNdikhoyo, soze badane abo bathembela ngam.”