Isaiah 49:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso utsho uyehova ukuti: Ewe, abatinjwa begoṙa baya kususwa, namaxoba esidlwengu aya kuhlangulwa: ngokuba lowo opika nawe ndiya kupika naye mna, nabantwana bako ndiya kubasindisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Nabathinjiweyo bamaRefa baya kubanjwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusindiswa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe yena uNdikhoyo uthi: “Yiloo nto kanye eza kwenzeka: amaxhoba othathwa kumajoni, abathinjwa bakhululwe kubathimbi. Baxabene nam abo balwa nawe; usapho lwakho lona ndiluhlangule.