Isaiah 49:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandiya kudlisa ababandezeli bako eyabo inyama; baya kunxila nangelabo igazi, njengeveyine entsha; lwaluya kukwazi uluntu lwonke, ukuba mna Yehova ndingumsindisi wako, nomkululi wako, usomandla ka‐Yakobi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa eyabo inyama, banxiliswe lelabo igazi ngathi kungewayini entsha; yazi inyama yonke, ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, ukuba uMkhululi wakho ngOnamandla kaYakobi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa inyama yabo; baya kunxila ligazi labo njengewayini enencasa, yazi yonke inyama, ukuba mna, Yehova, ndinguMkhululi wakho, uMkhululi wakho, iNgxaki kaYakobi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abakucinezelayo ndobatsho bavukelane; boqumba babe ngoomnqay' ulambile, noluntu lonke lutsho lundiqonde ukuba ndinguNdikhoyo okusindisayo, mna Mkhululi wakho, iNgangamsha kaYakobi.”