Isaiah 49:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndati: Ndifumane ndizama; amandla am ndiwapelisele okungendawo nokungento: noko, ibango lam linaye uyehova, nomvuzo wam u notixo wam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi mna, Ndifumane ndazixhamla, ndawaphelisa amandla am ngochuku, nangento engento; noko ibango lam likuYehova, nomvuzo wam unoThixo wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi mna, Ndifumane ndabulaleka, ndawachitha amandla am, ndafumana ndazixhamla; Ke lona ibango lam likuYehova, nomthetho wam unoThixo wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize; umzabalazo wam ungamampunge. Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo; nguThixo wam oya kundibuyekeza.”