Isaiah 49:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakaloku uti uyehova, owandidala kwa sesizalweni ukuba ndibe sisicaka sake, ukuze ndimbuyisele kuye u‐Yakobi: Nangona u‐Sirayeli angayi kubutwa, ndiya kubekwa noko emehlweni kayehova, ati utixo wam abe ngamandla am.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku ke uthi uYehova, owandibumba kwasesizalweni, ukuba ndibe ngumkhonzi kuye wokubuyisela uYakobi kuye, uSirayeli ahlanganiselwe kuye (ndizukile emehlweni kaYehova, uThixo wam waba ngamandla am);
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku ke, utsho uYehova, owandidalayo kwasesizalweni sam, ukuba ndibe ngumkhonzi kuye, ukuze ndibuyisele uYakobi kuye; engekahlanganiselwa ndawonye uSirayeli, mna ndiya kuzukiswa emehlweni kaYehova, uThixo wam abe khona amandla am.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo owandibumba esizalweni, wandenza isicaka sakhe, ukuze ndibuyisele uYakobi kuye, ndiphuthume uSirayeli owabhacayo. Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo; amandla am ampompoza kuThixo wam.